22
IXESHA LEPASIKA 6 IZIPHO: UMTHENDELEKO ONGCWELE-UMTHANDAZO OMKHULU WOMBULELO UKUHLANGANA EGAMENI LENKOSI [G] G18 Ukubizelwa Elunqulweni Kunikezelwane Haleluya! uKrestu uvukile: INkosi ivukile ngokwenene. Haleluya. Okanye Haleluya. UKrestu ufile, uKrestu uvukile, uKrestu uyakubuya eze. Ubukhulu, nobungangamsha bukwizenzo zakho, Thixo. Haleluya. Okanye Umkhokheli Sihlangenele ukunqula kuba kuthi ukuphila kunguKrestu. siphilela uKrestu, siphila ngoKrestu, siphila noKrestu. ngoba uKrestu wafa, uKrestu wavuka, uKrestu uyakubuya eze. bawo wobabalo, owamvusayo uKrestu ekufeni yenza ukuba uKrestu azukiswe kuko konke esikuthethathayo nesikwenzayo, kuko konke esikucingayo nesikuthethayo, ngayo leyure esikunqula ngayo nangalo lonke ixesha lokuphila kwethu. Amen. G19 Umthandazo wokulungiselela/Ukhanyiso Umthandazo weNtlambululo wafakwa kwi Sarum Missal [kwinkulungwane yeshumi elinanye] yaza yahlala iyinxalenye yonqulo lwamaTshetshi emthendelekweni. Umthandazo wentlambululo ungenziwa endaweni yalowo wokhanyiso. Sikhokhele, Bawo, ngelizwi lakho nangoMoya wakho ukuze ngokukhanya kwakho sibenokubona ukukhanya kwinyaniso yakho sifumane ubulumko, kwintando yakho sifumane uxolo lwakho ngaye uYesu Krestu iNkosi yethu. Amen. Okanye

IZIPHO: UMTHENDELEKO ONGCWELE · PDF fileamanyange athe angena kolo vuyo. Sanga nathi singeza kwahlulelana nobukumkani bakho baseZulwini. Masithandazele iimfuno zethu nemfuno zabanye

  • Upload
    hakiet

  • View
    349

  • Download
    10

Embed Size (px)

Citation preview

IXESHA LEPASIKA

6

IZIPHO: UMTHENDELEKO ONGCWELE-UMTHANDAZO OMKHULU WOMBULELO

UKUHLANGANA EGAMENI LENKOSI [G]

G18 Ukubizelwa Elunqulweni

Kunikezelwane

Haleluya! uKrestu uvukile:

INkosi ivukile ngokwenene. Haleluya.

Okanye

Haleluya. UKrestu ufile, uKrestu uvukile, uKrestu uyakubuya eze.

Ubukhulu, nobungangamsha bukwizenzo zakho, Thixo. Haleluya.

Okanye

Umkhokheli

Sihlangenele ukunqula kuba kuthi ukuphila kunguKrestu. siphilela uKrestu, siphila ngoKrestu, siphila noKrestu. ngoba uKrestu wafa, uKrestu wavuka, uKrestu uyakubuya eze. bawo wobabalo, owamvusayo uKrestu ekufeni yenza ukuba uKrestu azukiswe kuko konke esikuthethathayo nesikwenzayo, kuko konke esikucingayo nesikuthethayo, ngayo leyure esikunqula ngayo nangalo lonke ixesha lokuphila kwethu. Amen.

G19 Umthandazo wokulungiselela/Ukhanyiso

Umthandazo weNtlambululo wafakwa kwi Sarum Missal [kwinkulungwane yeshumi elinanye]

yaza yahlala iyinxalenye yonqulo lwamaTshetshi emthendelekweni. Umthandazo

wentlambululo ungenziwa endaweni yalowo wokhanyiso.

Sikhokhele, Bawo, ngelizwi lakho nangoMoya wakho ukuze ngokukhanya kwakho sibenokubona ukukhanya kwinyaniso yakho sifumane ubulumko, kwintando yakho sifumane uxolo lwakho ngaye uYesu Krestu iNkosi yethu. Amen.

Okanye

IXESHA LEPASIKA

7

Thixo ongumncedi wethu, ngoMoya wakho oyiNgcwele, vula ingqondo zethu ukuze xa izibhalo ezingcwele zifundwa neLizwi lakho livakaliswa sibenokukhokelelwa kwinyaniso yakho sifunde intando yakho, ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu. Amen

okanye

Thixo ophilayo, sincede silive iLizwi lakho eliNgcwele ukuze siliqonde ukuze sakuliqonda, sikholwe, sakukholwa sibenokulandela ngako konke ukunyaniseka nokuthobeka sifune imbeko nozuko lwakho kuko konke esikwenzayo; ngaye uKrestu iNkosi yethu. Amen.

Yiza Moya oyiNgcwele, yiza, yiza nje ngomoya, usihlambulule; yiza njengomlilo, usitshise; yiza njengombethe, usihlaziye sibambe, usiguqule usiningcwalisele koloZuko lulungileyo lukhulu lukaThixo ngaye uYesu Krestu iNkosi yethu. Amen.

G20 Inguquko Inguquko nesikhululo singenziwa apha okanye kwenye indawo.

Sixolele, Nkosi xa sihamba kobu bomi butsha bePasika sixolele, Nkosi, Xa sifumana kunzima ukuyikholelwa inyaniso yePasika sixolele, Nkosi xa sifumana kunzima ukuyiphila inkolo yethu yePasika.

G21 Isikhululo

Nkosi Yesu Krestu, kuwe sifumana indlela yethu, inyaniso yethu nobomi bethu. Ngamandla ovuko lwakho, sixolele usibuyisele ukuze siphilele ukubonga nozuko lukaThixo.

IXESHA LEPASIKA

8

Ukuvakalisa nokwamkelwa kwelizwi likaThixo [P]

P3 Haleluya, izahlukwana ngexesha lePasika Nceda fumana indlela yokucula izahlukwana zikaHaleluya kwikhasi le Advent P1 ngasentla.

Umlindo wePasika

Haleluya. UKrestu ovukileyo uphakathi kwethu : iNkosi ivukile ngokwenene! Haleluya.

Umhla wePasika

Haleluya.

Lo ngumhla ewenzileyo iNkosi : siyagcoba sivuye ngawo. Indumiso 118:24

Haleluya

Icawe yesibini yePasika

Haleluya Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko. Yohane 20:29b haleluya

ICawe yesithathu yePasika

Haleluya

Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu :

xa ebethetha nathi endleleni. Luka 24:32

Haleluya

ICawe yesine yePasika

Haleluya

Ndim uMalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam. Yohane 10:14

Haleluya.

Icawe yesihlanu yePasika

Haleluya Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Itsho iNkosi. Yohane 14:6 Haleluya

Icawe yesithandathu yePasika

Haleluya Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi ubawo amthande. Yohane 14:23 Haleluya

IXESHA LEPASIKA

9

Umhla wokunyukela kweNkosi yethu.

Haleluya.

Niyabona mna ndinani yonke imihla; lide lipheliswe iphakade eli. Mateyu 28:20b

Haleluya.

ICawe yesixhenxe yePasika

Haleluya.

Andiyi kunishiya niziinkedam, ndiyeza kuni. Yohane 14:18

Umhla wePentekoste

Haleluya.

Yiza, Moya oyiNgcwele, zalisa iintliziyo zabantu bakho abakholekileyo

uvuthise umlilo wothando lwakho kubo.

Haleluya

UKUPHENDULA KWILIZWI LIKA THIXO [R]

R8 Ukuvakalisa ukholo lwethu – isivumo soKholo sePasika

Masivakalise inkolo yethu kuvuko lweNkosi yethu uYesu Krestu,

uNyana kaThixo ohleliyo elawula kubunye bobuNgcwele nobusikelelweyo bomTriniti.

Siyakholwa kuThixo, uYise, uNyana, noMoya oyiNgcwele.

UKrestu wafela izono zethu, wangcwatywa

wavuselwa ebomini ngomhla wesithathu

ngokwezibhalo.

UKrestu ufile,

UKrestu uvukile,

UKrestu uyakubuya eze.

UKrestu wabonakala kuPetros,

kubafundi abalishumi elinambini

nakwabangaphezulu kwamakhulu amahlanu

abazalwane nodade ngaxesha nye.

Oku sakufumana,

kwaye siyakholwa sinovuyo.

Amen.

IXESHA LEPASIKA

10

R9 Umthandazo webandla

Masithandaze.

Izicelo ezizodwa nemibulelo zingenziwa apha.

Ngalo ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu ovukileyo naseGameni lakhe,

sithandazela iKerike yakho engcwele eKhatolika

Ukuze amaKrestu onke jikelele amanywe lubabalo lukaKrestu ovukileyo.

Siphe ukuba onke amalungu ebandla

akusebenzele ngokunyanisekileyo nangokuthobekileyo:

Ukuze amandla okholo lwethu kuVuko

lwaziwe ehlabathini lonke.

Sithandazela uN. Ubishishophu wethu, nabo bonke oobghishophu, abapriste

namadikoni.

Ukuze sikunye nabo sibengamangqina anyanisekileyo ovuko lukaKrestu.

Sithandazela iinkokheli zeentlanga zonke apho aMatshetshi ephondo lamaZantsi

eAfrika angamangqina: Angola, Lesotho, Mozambique, Namibia, Swaziland, St.

Helena noMzantsi Afrika.

Zincede iinkokheli zethu zazi okulungileyo nokufanele ukuba bakwenze.

Ukuze ubulungisa noxolo lukaKrestu ovukileyo lwande.

Sithandazela uxolelo lwezono zethu, oko sikwenzileyo nako oko esithe asakwenza

siphe ubabalo lokwenza intando yakho kuko konke esikwenzayo.

Ukuze imisebenzi yethu ivakalise ukoyisa KukaKrestu.

Yibanemfesane kwabo basezinkathazweni okanye ezintsizini.

Ukuze balwazi ubabalo lukaKrestu

novuyo loxolo lukaKrestu.

Sithandazela bonke abasandulelayo, ngokukodwa……

Izicelo nezibongozo zingenziwa apha.

Benze baphumle ngonaphakade Nkosi

Ubakhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo

Banga bangaphumla ngoxolo

Bavukele eluzukweni.

IXESHA LEPASIKA

11

Siyakubonga ngentombi eSikelelweyo uMariya, unina weNkosi yethu, ngawo onke

amanyange athe angena kolo vuyo.

Sanga nathi singeza kwahlulelana nobukumkani bakho baseZulwini.

Masithandazele iimfuno zethu nemfuno zabanye abantu.

Izicelo nezibongozo zingenziwa apha

Salathise usikhokhele, Nkosi.

Ukuze siphile sisebenze

ngokhalipho njengabavuselwe kubomi obutsha,

ngaye uYesu Krestu, iNkosi noMsindisi wethu ovukileyo.

Amen.

UKUSONDELA ETAFILENI [M]

M4 Isivakalisi soXolo

UKrestu ovukileyo weza kuma phakathi kwabafundi bakhe

Baqala bavuya bakuyibona iNkosi.

Uxolo lweNkosi malusoloko lunawe. Haleluya.

Uxolo malubenawe. Haleluya

Okanye

Uxolo lukaKrestu ovukileyo malube nani. Haleluya. Haleluya.

Uxolo malube nawe. Haleluya. Haleluya.

Okanye

Ubabalo lukaKrestu ovukileyo luphakathi kwenu

Uxolo lweNkosi malusoloko lunani. Haleluya. Haleluya.

Uxolo malube nawe. Haleluya. Haleluya.

IXESHA LEPASIKA

12

UKUBINGELELA ETAFILENI ENGCWELE [C]

C5 Umbulelo Omkhulu : Umthandazo wombulelo wexesha lePasika.

Inkosi mayibe nani.

Ibe nawe kanjalo

Phakamisani iintliziyo zenu

Siyaziphakamisela eNkosi

Masibulele eNkosini uThixo wethu

Kulungile ukumbulela nokumbona

Unqulo nombongo zezakho, mthombo wento zonke. Amandla akho ayomeleza,

ubukho bakho buqhubela phambili, nothando lwakho bubuyisela ihlabathi lethu

elonakeleyo. Ukusebenza kwakho akunasiphelo: uzisa uzinzo phakathi

kweziphithiphithi, uyadala, ubuyisele, uzalise apho kungekho nto ngobomi.

Ngokuvusa uKrestu kwabafileyo usizisa kubomi obutsha.

Haleluya.

UKrestu waphuma engcwabeni

Ukuzakusikhokhelela ebomini ngokupheleleyo

Haleluya.

UMoya wakho ungumlilo kuthi, umphefumlo wakho ungamandla okususa izono

zethu ufudumalise iintliziyo zethu eluthandweni. Njengabantwana benjongo yakho

yokuhlangula, sikhululwe ngoKristu othe ngokuvuka kwakhe wasivulela isango

lobomi, sinikela kuwe umbongo wethu, sikunye neengelosi nezinkulu kuzo, nomkhosi

wonke wabasemhlabeni nasezulwini, sivuma iingoma zombongo ongapheliyo:

Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele Nkosi

Thixo wemikhosi.

iZulu lizele kwanomhlaba bubuqaqawuli bakho.

Hosana enyangweni.

Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.

Hosana enyangweni.

Umbongo nombulelo mazibe zezakho , Nkosi yako konke, kuba ngomnqamlezo

sizuze ubomi obungunaphakade, ukufa kuginywe eloyisweni. Kukukhanya kokuqala

kwePasika, uzuko lulwaphule ulwamvila lwengcwaba lwaguqula intlungu yomfazi

yabaluvuyo. Egadini, imfihlelo yabonakalisa ukuba lowo ubethandwa engasekho

unathi ngoku ezindaweni zonke ngonaphakade.

IXESHA LEPASIKA

13

INkosi evukileyo yabonakala ngokuqhekeza isonka, abafundi ababenoloyiko bamkela

intsikelelo yoxolo, elunxwemeni lwechweba kwakusekulungiswe konke ukwamkela

umlobi wentlanzi okhathazekileyo. Kubo bonke uKristu wakuhlaziya ukuzinikela

ekubonakaleni kwakhe nesithembiso sokuzalwa ngokutsha kuMoya.

Phambi kokuba anikelwe kwintlungu nokufa, ngokukhumbula ubusuku amaSirayeli

akhululwa ngabo kubukhoboka, kwisidlo sangokuhlwa nabafundi bakhe, uYesu

wathabatha isonka waza wabulela kuwe; wasiqhekeza isonka, wasinikela kubo esithi:

“Thabathani nidle. Lo nguMzimba wam: wophulelwa nina.” Emva kwesidlo

sangokuhlwa, wathabatha indebe, waza wabulela kuwe, wabanika yona esithi:

“Selani kuyo nonke. Eli liGazi lomnqophiso omtsha; eliphalalela nina, nabaninzi,

ukuze nxolelwe izono. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.”

Ngoko ke xa sikhumbula konke esikwenzelweyo: umnqamlezo, ingcwaba, ukuvuka

nokunyukela, ukulindela ukubuya kwakhona kukaKrestu esebuqaqawulini

ngokunikela kuwe ezi zipho esizinikwe ngumhlabam nezenziwe zizandla zomntu

sivakalisa wena Krestu:

Ngokufa kwakho wakutshabalalisa okwethu ukufa

Ngokuvuka kwakho wasibuyisela ubomi bethu

Nkosi Yesu, yiza usebuqaqawulini!

Thumela uMoya wakho oyiNgcwele phezu kwethu naphezu kwezi zipho zesonka

newayini, ukuze kuthi zibengu Mzimba ne Gazi loNyana wakho uYesu Krestu. Yenza

ukuba sithi sivutha ngamandla oMoya wakho, sibengabantu bethemba, inceba

nothando.

Mniki woBomi, sihlanganise sibebanye kuMzimba kaKrestu, ngamaxesha onke

sihlanganise sibebanye thina bantu bakho kuvuyo lekhaya lanaphakade eliyinene.

Ngaye uKrestu, sikunye noKrestu, sikuKrestu, ngamandla oMoya oyiNgcwele,

siyakubonga Thixo ongumdali wethu ngombongo ongapheliyo.

Kuvunywe ngumntu wonke uAmen kubekathathu

Lo mthandazo wombulelo usekelezelwe kumthandazo wombulelo okwincwadi yonqulo lwamaSkoťlani

ka1982

© Intlanganisela yeBishophu zetyalike yamaSkoťlani.

IXESHA LEPASIKA

14

PHUMELANI NGAPHANDLE NJENGABANTU BAKATHIXO [O]

011 Umbulelo ngonqulo.

Bulelani iNkosi ngokuba ilungile

Inceba kaThixo ingunaphakade.

Okanye

Uthando oluzinzileyo lweNkosi aluze luphele

Iinceba zikaThixo azipheli nanini.

Umbulelo omkhulu ongasetyenziswa

Thixo, ubomi bethu nethemba lethu, siyakubulela kuba kwezimfihlakalo zingcwele

sibonile ngamehlo ethu sachukumisa ngezandla zethu isonka sobomi, yomeleza

ukholo lwethu ukuze sikhule eluthandweni ngenxa yakho kunye nomnye nomnye

kuthi, ngenxa kaYesu Kristu iNkosi yethu. Amen.

Okanye

Thixo ongamandla onke, usinike okuphela koNyana wakho ukuba kuthi abelidini

lesono nokuze abengumzekelo wobomi bobuthixo: njengoko usondlile ngelidini

lakho lingcwele, siphe iintliziyo ezinombulelo ukuze samkele ubabalo

lwalomthendeleko ungcwele sixhunele ukulandela emanyathelweni angcwele

kaKrestu; ngenxa yenceba zothando lweNkosi. Amen.

O12 Isindululo

Hambani ngoxolo niyithande niyikhonze iNkosi. Haleluya. Haleluya.

Egameni likaKrestu. Amen. Haleluya. Haleluya.

Masiye ngoko kulo ihlabathi,

Sivuye kumandla oMoya. Haleluya. Haleluya.

Egameni likaKrestu. Amen. Haleluya. Haleluya.

Okanye

Masibonge iNkosi. Haleluya. Haleluya.

Masibulele kuThixo. Haleluya. Haleluya.

IXESHA LEPASIKA

15

Izipho: Ixesha lomthandazo wangokuhlwa ngecawe.

INDLELA YOKUNGENA [E]

E7 Uludwe lukhokelwe likhandlela lePasika

Inkonzo imnyama phambi kokuba inkonzo iqale.

IKhandlela lePasika likhokhela ukuya phambi kwesibingelelo.

Umqhubi nkonzo usala emile esangweni lentendelezo.

Xa sukuba amakhandlela esibingelelo ekhanyiswa, akhanyiswa ethabathela kwikhandlela lePasika.

E8 Umbuliso

Haleluya! UKrestu uvukile:

INkosi ivukile ngokwenene. Haleluya.

UKUKHANYISWA KWAMAKHANDLELA ANGOKUHLWA [L]

L13 Ukungcwaliswa kokukhanya

Mawubongwe Nkosi Thixo,

amaxesha namaphakade ngawakho

uzisa ukuqaqamba kwelanga lehlobo ngokungenamlinganiselo

kwisivuno esisixhasa ngexa lobusika.

Yenza ukuba uKrestu ovukileyo

Asomeleze ukuze ngokuzithemba simelane nazo zonke izoyikiso ezinokusithoba

Zisitshabalalise.

Ngaye uKrestu oluloyiso lwethu novuyo lwethu,

Ohleliyo elawula kunye nawe noMoya oyiNgcwele, emnye uThixo

Eluzukweni olungapheliyo.

Makabongwe uThixo ngonaphakade!

L14 Ingoma yangokuhlwa

Ukuba umhlathi ka A! lukhanyis’Oluvela eZulwini ayivunywanga

Enye yezingoma zilandelayo ingasetyenziswa.

Umhlathi ka A! lukhanyis’oluvela eZulwini, nceda uye ku L2 weAdvent ngasentla.

Amakhandlela ayakhanyiswa ngexesha leNgoma yaNgokuhlwa.

Ingoma yangokuhlwa : iNgoma kaMosis noMiriyem

Isibhengezo: Nkosi, ngothando lwakho olungapheliyo

Ukhokhela abantu bakho obahlanguleyo.

IXESHA LEPASIKA

16

Ndosuka ndintyiloze ndiculele uNdikhoyo; kaloku yena woyise wada watshatshela:

Ihashe ngokunjalo nophezu kwalo ulintywilisele phakath’elwandle.

UNdikhoyo yinqaba negwijo lam:

Ndinje-nje-nje ndisindiswe nguye,

Nanko ke uThixo wam, ndiyakumdumisa:

nguThixo woobawo, ndotshila ngaye.

UMhlekazi yena ulijoni:

Igama lakhe nguNdikhoyo.

Hayi kamb’isandla sakho, Ndikhoyo yingwanyalal’etshatsheleyo:

Ewe, isandla sakho, wena Ndikhoyo, siyaluvikiva utshaba lwakho.

Ngokuphefumla nje kwakho nje qha suka ulwandle lwabazingqimba:

Amanzi asuka aba ludonga, inzonzobila yolwandle yakhenkceza.

Thembekil’othando lungatshitshiyo:

uyabakhokel’abant’obahlawuleleyo.

Ngobungangamsha bakho ubathundezile:

Bagaleleka kwikhaya lakho elingcwele.

Wabathabatha wabemisa entabeni yakho Ndikhoyo:

Endlwini yakho leyo wazakhela yona. Exodus 15. 1b-2, 6a, 11-12b, 13-18

Ingoma yangokuhlwa: Ingoma yangokuhlwa.

Isibhengezo : UThixo wamvusa uKrestu ekufeni:

IMvana engenasibi nabala

Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Krestu:

Othe ngenceba yakhe enkulu

Wasinika ubomi obutsha njengabantwana bakhe.

Wamvusa uYesu Krestu ekufeni:

Ukuze sibenethemba elingagungqiyo kuye.

Sihleli silinde ilifa elingenokonakala lingenakutshitsha:

Kuba libekelwe thina eZulwini.

Intlawulo eyahlawulelwa ukusikhulula:

Azange ihlawulwe ngesilive negolide.

IXESHA LEPASIKA

17

Kodwa ngegazi elinexabiso likaKrestu.

IMvana engena bala nasibi.

UThixo wamvusa ekufeni wamnika iwonga:

Ukuze sibenokholo nethemba kuThixo. 1Peter 1

L15 Ukuvuma kwangokuhlwa

Nkosi sibiza kuwe, khawuleza usincede

Mayithi imithandazo yethu inyuke phambi kwakho njengesiqhumiso

Ukuphakamisa kwethu izandla njengedini langokuhlwa.

Amehlo ethu akhangele kuwe Nkosi Thixo, sizifihla kuwe.

Mayithi imithandazo yethu inyuke phambi kwakho njengesiqhumiso

Ukuphakamisa kwethu izandla njengedini langokuhlwa.

L16 Umthandazo wangokuhlwa

Masithandaze

Njengoko umthandazo wethu wangokuhlwa unyukela phambi kwakho Thixo,

Yanga inceba yakho ingehlela phezu kwethu

Ukuza kuhlambulula iintliziyo zethu

Nokusikhulula ukuze sivume iingoma zokudumisa

Ngoku nangonaphakade. Amen

IXESHA LEPASIKA

18

ILIZWI LIKATHIXO (W)

W10 Izivakalisi zevangeli Enye yezizivakalisi zilandelayo ingasetyenziswa

Vuka thongora, vuka ekufeni:

UKrestu uza kukukhanyisela.

Wafa,

Ubomi bakho bufihlwe noKristu kuThixo:

Vuka thongora vuka ekufeni

Zimiliseleni iingqondo zenu kwizinto zaphezulu

Kungabi kwizinto zalo mhlaba

UKrestu uza kukukhanyisela.

Akubonakaliswa uKrestu obubomi bethu,

Niyakubonakala niseluzukweni kunye naye:

Vuka thongora, vuka ekufeni

UKrestu uza kukukhanyisela. Okanye

Uyingcwele wena Thixo, Yise, Nyana noMoya Oyingcwele:

Sikunika uzuko nembeko ngonaphakade.

Kuba usithandile kususela ephakadeni:

Wasikhumbula xa sisembandezelweni.

Uyingcwele wena, Nkosi Yesu Krestu:

Kuba wehla ezulwini ukuza kusisindisa.

Ngamandla kaMoya oyiNgcwele:

Ukhawulwe ngentombi enyulu uMariya.

Wasikhulula ezonweni ngegazi lakho:

Waza ngomhla wesithathu wavuka ekufeni.

Wenyukela ngasentla:

Wasivulela iingcango zaphakade.

Uhleli ngasekunene kukaBawo:

Uhlala uhleli usithethelela

IXESHA LEPASIKA

19

Uyingcwele wena Thixo: Mthombo wento zonke,

Lizwi laphakade noMoya wobomi:

Sikunika uzuko nembeko ngonaphakade.

Okanye

INkosi ikukukhanya kwam nosisindiso lwam:

INkosi ingamandla obomi bam;

INkosi ikukukhanya kwam nosindiso lwam

INkosi ingamandla obomi bam.

Ukhanyiso lubengezela ebumnyameni:

Kwaye ubumnyama abuzange buloyise.

Inkosi ngamandla obomi bam.

Uzuko kuYise, nakuNyana,

nakuMoya oyingcwele:

Inkosi Ikukukhanya kwam nosindiso lwam

Inkosi ngamandla obomi bam.

W11 Ingoma yeVangeli Enye yengoma ingasetyenziswa endaweni yombongo kaMariya.

Ezinye inguqulelo zengoma kaMariya zifumaneka kuW2 kwiAdvent ngasentla.

Uludwe lwencwadi yevangeli lungakhokhelela embindini wendawo yonqulo.

Ivangeli ivakaliselwe khona apho.

Ingoma yeVangeli: Umbongo we Pasika.

Isibhengezo: UKrestu afile, uKrestu uvukile”

UKrestu uyakubuya eze.

UKrestu oyiPasika yethu wanikelelwa thina:

Masigcobele isidlo ke ngoko.

Kungabi ngobuqhophololo nenkohlakalo:

Koko kube ngesonka esingenagwele esiyintembeko nenyaniso.

UKrestu ovuke ekufeni kwaba kanye akasayi kufa kwakhona:

Ukufa akunalulawulo kuye.

Ekufeni wafela isono kwaba kanye:

Ekuphileni uphila kuThixo.

IXESHA LEPASIKA

20

Ziboneni ke ngoko njengabafileyo kwisono:

Nithi niphila kuThixo nikuYesu Krestu iNkosi yethu.

UKrestu uvuswe ekufeni:

osisiqhamo sokuqala kwabo baleleyo.

Kuba ukufa kweza ngomntu:

Kukwangomntu ukuvuswa kwabafileyo.

Kuba ngoAdam bafa bonke:

Ngokunjalo nakuKrestu bonke baya kuvuswa.

Uzuko kuYise, nakuNyana:

NakuMoya oyingcwele.

Nje ngokuba kwakunjalo kwasekuqaleni:

Kuya kuhlala kunjalo ngonaphakade,

Amen. 1Kor. 5:7-8; Rom. 6:9-11;1Kor. 15:20-22

Ingoma yeVangeli : Ingoma yokubangwa kwethu.

Isibhengezo: Haleluya, Haleluya, uKrestu usithenge ngegazi lakhe:

Wasenza abantwana bakaThixo.

Makabongwe uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Krestu:

Lowo wasisikelelayo kuKrestu

Ngeentsikelelo zoMoya kwezasezulwini iindawo.

Phambi kokusekwa kwehlabathi, wasinyula ukuba sibe ngabakho kuKrestu:

Ukuba sibe ngcwele singabi nasiphako phambi kwakho.

Wasimisela ngenxa engaphambili ukuba senziwe abantwana bakho ngo Yesu Krestu,

Ngokwentando yakho, ukuze kudunyiswe uzuko lobabalo lwakho:

Owasibabalayo ngalo sikuye Othandiweyo.

Sikuwe, sinayo inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi likaKrestu,

Ukuxolelwa kwezono zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakho:

Owaluphuphumisela kuthi.

Usazisile bonke ubulumko nokuqonda:

Imfihlelo yentando yakho.

Ngokwenkolelo yakho owayimisayo ngoKrestu:

Ngokwecebo lokuzaliseka kwexesha,

IXESHA LEPASIKA

21

Ukuba sihlanganise zonke izinto kuye uKrestu: ezisezulwini nasemhlabeni. Efese 1:3-10 Ingoma yeVangeli: Ingoma yabakhululweyo

Isibhengezo : Usindiso lolukaThixo wethu:

Osikhokhelela kumthombo wamanzi obomi.

Ndabona ihlokondiba: Elingenokubalwa bani.

Yayingabantu beentlanga ngeentlanga, izizwe ngezizwe

Neelwimi ngeelwimi:

Bemi phambi kwesihlalo sokulawula naphambi kweXhwane.

Babevathe ezimhlophe

Bephethe amasundu ezandleni zabo:

Bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi,

“Huntshu! Usoyisele uThixo

ohleli esihlalweni sakhe sokulawula nalo iXhwane.”

Aba bantu ngabo baphume kwinxwaleko zengcinezelo:

Bazihlambile zamhlophe iingubo zabo

Ngamandla egazi leXhwane.

Yiyo loo nto bemi phambi kukaThixo:

Bemnqula imini nobusuku endlwini yakhe.

Lowo uhleli kwisihlalo sakhe sokulawula:

Uyakubafukamela.

Abayi kulamba, abayi kunxanwa:

Abayi kugqatswa lilanga,

Bengayi kuva bushushu.

Kaloku iXhwane elimi esazulwini sebhotwe:

Liza kubolusa.

Libaqhubele kwimithombo yamanzi aphilisayo:

Wobasula iinyembezi uThixo.

KuLowo uhleli etroneni nakuyo iMvana: makunikwe umbongo,

nembeko, uzuko nobungangamsha,

ngonaphakade kanaphakade, Amen. Isityilelo 7:9-10, 14b-17

IXESHA LEPASIKA

22

W12 Uludwe lweVangeli emva kokuvakaliswa.

Emva kokuvakaliswa kweVangeli, incwadi yevangeli ingaziswa ebantwini ukuba bayincamise

okanye bayibambe ngentlonelo.

Ngeli xesha loludwe kungaculwa iculo okanye ingoma.

UKWAMKELWA KWELIZWI LIKATHIXO [RG]

RG11 Ukuvakalisa ukholo

Oku kulandelayo kungasetyenziswa endaweni yesivumo sokholo sobhaptizo okanye isivumo sokholo

sabapostile.

Masivakalise ukholo lwethu

Eluvukweni lweNkosi yethu uYesu Krestu:

UKrestu ufile, uKrestu uvukile, uKrestu uya kubuya eze.

UKrestu wazifela izono zethu, wangcwatywa.

Wavuselwa ebomini ngomhla wesithathu,

Ngokwezibhalo.

Siyakholwa ngenene koku.

UKrestu wabonakala kuPetros,

Nakubafundi abalishumi elinambini

Nakubazalwana nodade abangaphezu kwamakhulu amahlanu ngaxesha nye.

Oku siyakwamkela, saye sikukholelwa ngovuyo.

Amen. 1Kor. 15 3-7

RG12 ILitani yezibongozo

ILitani 1 yeecawe zepasika

Izibongozo ezithile ezithile zinokongezwa ekupheleni kwezi kwezibongozo ezibhaliweyo, apho

zibonakaliswe khona…

Sizaliswe luvuyo nethemba kuloyiso lukaKrestu kwisono nokufa, masithandaze ukuba

uvuko lukaKrestu luya kutshintsha luhlaziye ubomi bethu,

Nkosi yiba nenceba:

Krestu yiba nenceba

Nkosi evukileyo, siyathandaza ukuba iinkonzo ezingamalolo nezitshutshiswayo

zingafumana amandla avuselelekileyo kwindaba ezilungileyo zePasika.

Nkosi yiba nenceba

Krestu yiba nenceba

IXESHA LEPASIKA

23

Nkosi evukileyo siyathandaza ukuba obu bomi butsha sibudlayo nawe buyakusakha

ngokupheleleyo emzimbeni kaKrestu………….

Nkosi yiba nenceba:

Krestu yiba nenceba

Nkosi evukileyo, yenza amandla othando lwakho asisingisele ekukhathaleleni abo

basingqongileyo, sibonelele abo bangenakutya, umsebenzi okanye amakhaya.

Nkosi yiba nenceba:

Krestu yiba nenceba

Nkosi evukileyo, ngamandla akho okoyisa isono, ubumnyama nokufa, Sebenza

kubantu kwakunye nabantu kuyo yonke indawo ukuze iimfazwe nendlala ziphele

ehlabathini, nokuze iintlanga zihlale eluxolweni nakwimpumelelo.

Nkosi yiba nenceba:

Krestu yiba nenceba

Nkosi evukileyo, tyhila ukukhanya kobukho bakho kwabagulayo, ababuthathaka

nabafayo, ubathuthuzele, ubomeleze …

Nkosi yiba nenceba:

Krestu yiba nenceba

Nkosi evukileyo, ngamadla ovuko lwakho, basondeze bonke abafe bekholwa

eluvukweni kuvuyo lobomi obungunaphakade kunye nawe.

Nkosi yiba nenceba:

Krestu yiba nenceba

Nkosi evukileyo, thumela kuthi umlilo woMoya oyiNgcwele ukuze sibe ngamangqina

athembekileyo kubomi obutsha obuphuphumayo obuziswa luvuko lwakho,

Nkosi yiba nenceba:

Krestu yiba nenceba

Thixo wobabalo nozuko, usikhulule kumagunya obumnyama, wasizisa kubukumkani

boNyana wakho: siphe, njengokuba ukufa kwakhe kwasibuyisela ebomini, ukusoloko

ekho kuthi kungasiphakamisela kuvuyo olungunaphakade; ngoKrestu iNkosi yethu.

Amen.

IXESHA LEPASIKA

24

LENT 2 ILUNGISELWE IINKONZO ZEPASIKA

“ Izicelo ezizodwa zingongezwa emva koku kubhaliweyo ….”

Masithandaze kwiNkosi yethu uYesu Kristu othi kubomi bovuko azise kuthi ubomi

obungapheliyo.

Nkosi yiba nenceba

Krestu yiba nenceba

Msindisi ovukileyo, ukukhanya kwehlabathi; yazisa ukukhanya noxolo lweVangeli yakho

kwizizwe zonke

Nkosi yiba neneceba

Krestu yiba nenceba

Msindisi Ovukileyo, usisonka sobomi; nika ukutya kwabo balambileyo… kwaye nathi usondle

sonke ngelizwi lakho.

Nkosi yiba nenceba

Krestu yiba nenceba

Msindisi Ovukileyo, uyindlela, inyaniso nobomi, yiba kunye nathi nabo bonke

abakulandelayo endleleni, yandisa ukuzinikela kwethu kuyo inyaniso usigcwalise ngobomi

bakho.

Nkosi yiba nenceba

Krestu yiba nenceba

Msindisi Ovukileyo, unguMalusi olungileyo onikela ngobomi bakhe egameni lezimvu; funa

abalahlekileyo, ubophe abophukileyo, womeleze ababuthathaka ukhokelele abaphilileyo

nabomeleleyo kumadlelo amatsha.

Nkosi yiba nenceba

Krestu yiba nenceba

Nkosi Yesu Kristu, uluvuko nobomi, siyakubonga ngabo bonke abaphile bekholwa

kuwe…sivusele nathi kunye nabo kubomi obungunaphakade.

Nkosi yiba nenceba

Krestu yiba nenceba

Msindisi Ovukileyo,

Nkosi yobomi noMthombo wokukhanya, ungowethu nathi singabakho;

samnkele njengoko sinjalo usenze loonto unga singabayiyo,

kuzukiswe igama lakho, ngenxa ketyalike yakho nokusindiswa koluntu lonke. Amen

IXESHA LEPASIKA

25

RG13 Umthandazwana

Thixo wenceba nobuqaqawuli,

ngovuko olunoloyiso luka Yesu Kristu uMsindisi wethu,

usikhulule kumandla obumnyamawasizisa kubukumkani bothando lwakho:

yenza ukuba njengoko uKrestu wavuswayo kwabafileyo nathi sihambe kwindlela

yobomi obutsha; ngeNkosi yethu evukileyo ohleliyo elawula kunye nawe nomoya

oyiNgcwele kubungangamsha obungapheliyo. Amen

INDLELA YOKUTHUNYWA (SR)

SR 12 Izivakalisi zamaxesha athile.

Enye yalemihlathi ilandelayo ingasetyenziswa.

Memelelani mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele zintaba;

ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe unemfesane

kwabaziintsizana zakhe Isaya 49:13

Kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo “UNyana woMntu

unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; uyakuthi ebulewe,

abuye avuke ngomhla wesithathu. Marko 9:31

UYesu wathi kubo “ Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo

uKrestu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo

ngomhla wesithathu “ Luka 24:46

Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon’ukuba

iingcango zivaliwe, apho bebehlanganisene khona abafundi,

ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi,

wathi kubo, “Uxolo malube nani” John 20:19

Awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima,

wazimisa ephilile phambi kwabo, ngeziganeko ezininzi,

ezibonakalisa ngokwakhe kubo kwiintsuku ezimashumi mane,

ethetha ngezinto ezingabo ubukumkani buka Thixo. Izenzo 1:3

UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela

yabalele ukufa. Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa,

kukwangonmtu ukuvuka kwabafileyo. 1Kor. 15:20-21

IXESHA LEPASIKA

26

Kuba njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye

uKristu baya kudliswa ubomi bonke. 1 Kor. 15:22

Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu,

othe ngokobuninzi benceba yakhe, wasizala ngokutsha ,

ukuba sibe nethemba eliphilileyo ngokuvuka kuka

Yesu Kristu kwabafileyo. 1 Petros 1:3

Sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa;

ukufa akusamphathi ngabukhosi. KwabaseRoma 6:9

Ngubani na ogwebayo, ingu Kristu nje owafayo?

Ngaphezu koko ke, wabuya wavuka;

ongasekunene kukaThixo , osithethelelayo? KwabaseRoma 8:34

SR13 Intsikelelo

Ngamana uMoya wenyaniso anganikhokelela kuyo yona inyaniso, aniphe ubabalo

lokungqina ukuba uYesu Kristu yiNkosi kwaye anomeleze ukuze nivakalise ilizwi

namandla kaThixo; ithi intsikelelo kaThixo ongamandla onke, uYise, uNyana, noMoya

oyiNgcwele, ibe phakathi kwenu, ihlale nani ngonaphakade. Amen.

Okanye

Ngamana uThixo wethemba anganizalisa ngovuyo noxolo ngokholo, ngamandla

oMoya oyiNgcwele; ithi neNtsikelelo kaThixo uSomandla, uYise, uNyana noMoya

oyiNgcwele ibe phakathi kwenu, ihlale nani ngonaphakade. Amen.

Okanye

Ngamana uThixo woxolo, owambuyisayo kwakhona kwelabafileyo uYesu Krestu,

umalusi omkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade, anganixhobisa

ngazo zonke izinto ezilungileyo ukuze niyenze intando yakhe, esebenzisa oko

kukholekileyo emehlweni akhe; ngoYesu Krestu kuye makubekho ubuqaqawuli

ngamaxesha onke, ithi iNtsikelelo kaThixo uSomandla, uYise, uNyana noMoya

oyiNgcwele ibephakathi kwenu, ihlale nani ngonaphakade. Amen

SR14 Isindululo

Phumani ngoxolo niyithande niyikhonze iNkosi, Haleluya Haleluya

Egameni lika Krestu. Amen. Haleluya Haleluya Okanye

Masiye kulo ihlabathi, sivuya sisemandleni oMoya. Aleluya Aleluya Egameni lika Krestu. Amen. Haleluya Haleluya Okanye

Masibulele iNkosi. Haleluya Haleluya

Makubulelwe uThixo. Haleluya, Haleluya

IXESHA LEPASIKA

27