13
Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi. Genesis 1 v 1 uThixo ulungile. uThixo udale zonke izinto ! 1

Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu Genesis 1 v 1

  • Upload
    others

  • View
    3

  • Download
    0

Embed Size (px)

Citation preview

Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi.

Genesis 1 v 1

uThixo ulungile.

uThixo udale zonke izinto !1

Kungekazalwa zintaba, Ungekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo, Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.

Indumiso 90 v 2

Ngokufana nesangqa uThixo akanasiqalo nasiphelo.

Ungu Thixo wethu naphakade. 2

Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi, Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo.

Indumiso 34 v 16

Uyasibona xa sisiwa.

Uyasiva xa simbiza.3

Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babenobomi obungunaphakade.

Ujohane 3 v 16

uThixo usithanda kakhuluWathumela unyana wakhe emhlabeni. uYesu wafa emnqamlezweni ngenxa yezono zethu. 4

Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.

Uyohane 14 v 6

Wavuka engcwabeni emva kwentsuku ezintathu wabuyela ezulwini.5

Yesu walivula ucango ukwenzela sikwazi ukuyaezulwini nathi ngelocango uYesu walivulayo.

X

Uyohane 10:9 Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam 6

Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.Isityhilelo 3 v 20

Entliziyweni yam nam ndinalo ucango.Ngexesha uYesu wayenkqonkqoza,ndathi ngena ngaphakathi.Ngoku uhlale ngaphakathi entliziyweni yam.7

Kulowo wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi.

Isityhilelo 1 v 5

Igazi lakhe lasusa isono sam.Ngoku intliziyo yam icocekile ndinoxolo lwakhe. Uyokuba nam kude

Asoze ndibe ndedwa. 8

Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini; Ngokuba izithunywa zakhe uziwisele umthetho ngawe, Ukuba zikugcine ezindleleni zakhozonke.

Indumiso 91 v 5 + 11

uThixo ufunaukundinceda :

Xana kumnyama kwaye ndisoyika

Ndinothatha isandla sakhe.

9

Xana ndinomsindo ndifuna ukulwaNdihlupha intliziyo yakhe kwayeasoze ndibenoxolo.

Iya hlupha.

Kungoku ndicela uThixo andincede ngoku ukuzendithande izihlobo nezalamane.

Kulungile.

Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona. Umateyo 5 v 9 10

Xana ndiziva ndihlupekile ndikhumbula iNkosi yam Akukho namnye onondiqonda

“”” “””

NdifundaiBhayibhile.

Indumiso119:105

Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, Likukukhanya emendweni wam.11

Kwaye athethe kunye nam.

“Asoze ndikushiyeNdiyakuthanda.Ungumntwana wam oxabisekileyo.”

Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum: kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.

Umateyo 19 v 14 12